Abantwana Bayalila Abantwana Bayalila

Abantwana Bayalila

    • 5,49 €
    • 5,49 €

Beschreibung des Verlags

Le yingqokelelo yemibongo ebhalwe ngumbhali obhala kule mihla. Le mibonga ibhalwa lulutsha ngeenjongo zokuvelisa izinto ezithi zichaphazele abantwana kunye nolutsha kule mihla siphila kuyo. Loo nto ayitsho ukuba elinye iqela labantu alinakufikelela kule mibongo kuba izimbo zabantwana kunye nolutsha ezimbi kunye nezintle zikhuthazwa ngabantu abadala.

Le mibongo iqala ngeyona nto ibaluleke kakhulu apha ekuhlaleni, loo nto ngabantu basetyhini. Kwesi sahluko imbongi icacisa ukubaluleka kwaba bantu kubomi babantwana kunye namadoda. Le mibongo ayigqibi nje ngokuvelisa ubuhle obenziwa ngabantu basetyhini, iphinde ibonise impatho-mbi abathi bahlangabezane nayo abantu basetyhini. Apha umfundi ufundiswa banzi ngendima edlalwa ngumntu wasetyhini kubomi babantwana kunye noluntu luphela, kumbongo othi tyeke tyeke uyamthanda iveliswa kakuhle le ndima xa imbongi ithelekisa phakathi kwempatho yomntu wasetyhini kunye nomntu oyindoda kubomi babantwana.

Imibongo emininzi apha iyalumkisa, imbongi izamana nokunqanda impatho-mbi ingakumbi kubantwana kunye nakubantu basetyhini. Kule mihla siphila kuyo abantwana bazifumana sele bexhatshazwa ngabantu ekulindeleke ukuba bebakhusele. Le mibongo izamana nokunqandana nalo mkhuba ombi. Isihloko sale ncwadi sithi abantwana bayalila, belila nje aba bantwana kukuba abakhuselwanga, abo bantu kulindeleke ukuba babakhusele ngabo ababaxhaphazayo. Yiva lo mbongo xa usithi “Bagajwe ngoonina ubuqu, Bagetyengwa ngooyise, bona bakhuseli babo”. Imibongo le iphinde ikhuthaze uxolo, ixhaxhe nabo banesixhiba ngokuthi imbongi ivelise iziphumo zokufuna ukuziphindezela. Kumbongo othi zifunz’ uxolo imbongi ithi, “Ukubamb’ isixhiba kukubamb’ umlilo ngabula wona. Umoni edada kubusi lochulumanco nje, Wena ungcungcutheka kwincidi yekhala ziintlungu”.

Ayimi nje ngokulumkisa le mibongo, iphinde icebise eyona ndlela yokuphila ukuze wonke umntu abe uphila ubomi obumyoli. Le mibongo ikhuthaza amavila ukuba asebenze ngokuzikhandla, ithetha ngeziphumo ezimbi ezibangwa butywala, iziphumo zobuvila njalo njalo.

Xa ungumntu uthanda imibongo okanye ufunda ngemibongo esikolweni, okanye kwimfundo ephakemeyo okanye xa ufundisa ngemibongo uyakuncedakala kule ncwadi kuba iqulethe zonke iinkcukacha zemibongo: iindidi zemibongo, ukuhlalutya imibongo njalo njalo.

Umfundi uyofunda lukhulu kule mibongo. Le mibongo inabe kakhulu, iquka izihloko ezahlukeneyo ezichaphazela uluntu oluphila kule mihla ingakumbi abantwana kunye nolutsha. Le mibongo ayigqibi nje ngokuthetha ngeengxaki ezenzeka kuluntu, iyakwaba nazo nezisombululo. Zininzi ke nezinye izihloko angazonwabela umntu ofunda le mibongo. Iyafikeleleka kuwo wonke umthandi wemibongo yesiXhosa.

Uyonwabele.

GENRE
Belletristik und Literatur
ERSCHIENEN
2018
12. September
SPRACHE
XH
Xhosa-Sprache
UMFANG
26
Seiten
VERLAG
Philasande Wiseman Mfaba
GRÖSSE
251,2
 kB