Iliwa libhek’ umoya Iliwa libhek’ umoya

Iliwa libhek’ umoya

Beschrijving uitgever

Ndithabath’ usiba kuba ndichukunyiswa ziimeko neenkxwaleko abathi badibane nazo abantu kulo mhlab’ umagad’ ahlabayo. Oonozala baqamela ngeenyembezi kub’ ikat’ ilel’ eziko. Wachithek’ umzi wazintsaba zahlukane kub’ umbundane udle de yangugelekeqe. Apha ebomini xa uthe wanyamezela uvume ukuba ngumthi ogotywa uselula Ikamva lakho liyaqaqamba de liqhakraze. Umzali ubonakala enegalelo kwanenxaxheba ekwakheni Ikamva lomntwana. Udlala indima enkulu ukululekeni umntwana. Sibona abantwana begcwele ezitalatweni ngenxa yokungabikho komzali. Xa kusifa intaka endala amaqanda ayabola.

Kule ncwadi kukwaxhotyiswa uluntu ngobungozi bobhelu lomsele kuba lungudl’ omdlayo. Kukwavezwa nendlela apho athi abekwe amabala esonyeliswa ngayo lowo uthe waba yinkokheli engqongqo. Inkokheli ibonwa ubunja nentw’ engento ngabantu abayijongele phantsi.

Aph’ ebomini kukho izinto ezibangel’ umtha wedolo kwabo baziphethe ngokungenabatha. Kukho abantu abangenalusini, abasimilo sinemihlisela. Le ncwadi ibethelela uluvo lokuba xa abantu benokuba ngamaphuth’ ahlathinye, bakhothan’ amanxeba, bangasichila nasiphi na isichotho esingxamele ukutshabalalisa ikamva labo.

EMbo mz’ ontsundu, midaka yakowethu. Zemk’ iinkomo magwalandini!

GENRE
Fictie en literatuur
UITGEGEVEN
2018
5 september
TAAL
XH
Xhosa
LENGTE
8
Pagina's
UITGEVER
Yonela Thengimfene
GROOTTE
140,7
kB