



Intlungu Yentlupheko
-
- $3.99
-
- $3.99
Publisher Description
Intlungu Yentlupheko yincwadi yamabalana enjongo zayo ikukuvakalisa nokubonakalisa iinzingo abathi abantwana bagaxeleke kuzo phantsi kweemeko ngeemeko abaphila kuzo. Iqulathe ibali loomntwana ozelwe emhlophe abayikhumshayo abathi yi-Albinism ogaxeleke kwimpatho yokwenziwa ikheswa ngokungathi yena akangomntu. Nako ngenye imini exhwilwa zizigwinta ngenjongo zokumbulala bathengise ngezitho zomzimba wakhe. Omnye umntwana ukhuliswe ngunina emenzela ooni nooni. Uthe xa sele eyinkwenkwana eqala ukuqina unina watashata isoka elingengoyise. Nako unina ebhubha kwintlekele y6engozi yemoto. Yaqala impathombi kulenkwenkwe xa lootata esamkela inkosikazi awayesele ehlukene nayo. Le ncwadi iqulathe nebali lenkwenkwe eye yazibandakanya nemigulukudu etya iziyobisi ze iphile ngokukhuthuza ,ngobusela nangokuqhekeza. Kwabanzima kuyo ukuziguzula kwabanqevu.. Okokugqibela lencwadi ibalisa ngenkwenkwe ehlala noninakhulu bephila ngamabona ndenzile. Ubomi buyizele ngomva ukusungula kwayo ishishinana lokuthebgisa. Umona wakhula ngenxayokuphuhla kwelishishinana ukodlula amanye awaqala ukukhuphisana nelakhe. Kulapho abahlali bathyola uninakhulu ngokuthakatha de bamtshisela indlu yakhe.