Iintshumayelo Zamazwi Asixhenxe Kunye Nentshumayelo Yovuko (Amazwi Asixhenxe Angumnqamlezo) Iintshumayelo Zamazwi Asixhenxe Kunye Nentshumayelo Yovuko (Amazwi Asixhenxe Angumnqamlezo)

Iintshumayelo Zamazwi Asixhenxe Kunye Nentshumayelo Yovuko (Amazwi Asixhenxe Angumnqamlezo‪)‬

    • $ 24.900,00
    • $ 24.900,00

Descripción editorial

Igama lombhali ngu-Reuben Velile Cwele. Wafunda e-Deepdale J.S. School ngexesha lenqununu engu Mnu. Maxwell Mandla Zililo. Ikhaya likwilali yase Deepdale, kwisiThili sase Harry Gwala, KwaZulu Natal. Waphumelela ibanga leshumi e-Phindavele High School ngonyaka ka-1987. Wafunda izifundo zakwaLizwi, waziphumelela ngonyaka ka1992. Ngomhla we-10/01/1993 watshata no-Nombuso Princess Manci. Ngomhla wama-23/05/1993 wagcotywa njengomfundisi wakwaLizwi.

KUNGANI LENCWADI IBALULEKE KANGAKA?

1.Okokuqala inkcazelo yayo ivela kwiBhayibhile yesi-Grike ekuyiyona nkcazo yeBhayibhile, kuba i-Testamente entsha yabhalwa ngolwimi lwesi-Grike.

2.Okwesibini ilungiselelwe ngendlela enocwangciso khon'ukuze ilandeleke ibe nokuqondwa ngabafundi bayo.

3.Iincwadi ezisetyenzisiweyo ngumbhali zibonisa uphando-nzulu alwenzileyo ukuze le ncwadi ibe kwinqanaba eliphakemeyo.

4.Kwisiphelo sentshumayelo nganye uyibonisile injongo yakhe umbhali, yokuyiqukumbela ngesifundo okanye ngombuzo onokuzibhenca tanci intshumayelo yakhe.

5.Le ncwadi isinika impendulo yokuthi kwakutheni u-Pilato abhale ngeelwimi ezintathu ukuthi, "UYesu ikumkani yamaYuda."

6.Iphinda inike impendulo yokuthi kwakutheni i-Testamente entsha ibhalwe ngolwimi lwesi-Grike, olungelulo ulwimi lwama-Yuda.

7.Njengoko umbhali ethandazile kakhulu kuThixo ngexesha ebhala le ncwadi, abafundi bayo bazophila emoyeni, bavuseleleke.

8.Le ncwadi ifundisa nzulu ngokwakhiwa nokulungiselelwa kwentshumayelo.

9.Abafundi bale ncwadi bazoba nolwazi olunzulu ngenkcazelo yeBhayibhile, kuba amagama amabhada njengoba iBhayibhile ingawaxelanga nje, le ncwadi iwabiza ngamagama asemakhayeni awo. Wakuba uyifundile le ncwadi uzoba nesiseko somlando we-Testamente entsha.

10.Umbhali uyakwethembisa ukuthi uzoyifumana ngaphakathi into ayithethayo la mazwi athi; “Amazwi asixhenxe angumnqamlezo.”

11.Lencwadi iyawuphakamisa umsebenzi woomama, ibaveza bezizethenjwa zika Kristu ekuhanjisweni komyalezo wovuko. Kuba boomama abantu abaqala ukushumayela uYesu Kristu evukile ekufeni.

GÉNERO
Religión y espiritualidad
PUBLICADO
2017
14 de septiembre
IDIOMA
XH
Xhosa
EXTENSIÓN
33
Páginas
EDITORIAL
Reuben Velile Cwele
VENDEDOR
Draft2Digital, LLC
TAMAÑO
198.2
KB