Isishwankathelo sembali yeBandla likaThixo neeNgcwele zikaKristu Isishwankathelo sembali yeBandla likaThixo neeNgcwele zikaKristu

Isishwankathelo sembali yeBandla likaThixo neeNgcwele zikaKristu

    • 19,00 kr
    • 19,00 kr

Publisher Description

Le ncwadi iqulathe ibali lokungxwelerhwa kwabantu abazibiza ukuba ngamaSirayeli eNtabelanga ngo 1921. Isizekabani salentlekele sesokuba aba bantu babonwa ngabamhlophe njengabavukeli beNkulumbuso yeloxesha ngokuhlala endaweni ngaphandle komthetho. Ngelinye icala aba bantu babizwa lilizwi likaThixo ngoba kwavuka uMprofite uMgijima waprofitesha esithi uYehova uyalichitha ilizwe ulichitha ngegazi, abantu mabazimanye nelizwi leNkosi. Olu bizo lwabonwa njengelokuvukela umbuso weloxesha, kwaza kwathunyelwa amajoni namapolisa ukuba bagxothe bonke abantu abahleli eNtabelanga ngaphandle komthetho. Le ndawo yabonakala njengokungakhathali koRulumente weloxesha ngoba namhlanje abantu bahlala nokuba kuphi apho bafuna ukuhlala khona. Umthetho owayilwayo iNative Land Act of 1913 wabonakala njengothintela abantu abamnyama ukuba bangahlali kumhlaba ofanele ukuhlalwa ngabo,ngokwenjenjalo babejongana nezisele ezimnyama zentolongo.

GENRE
History
RELEASED
2020
25 July
LANGUAGE
XH
Xhosa
LENGTH
93
Pages
PUBLISHER
Lwazi Mgulwa
SIZE
207.9
KB