Intsika
-
- 3,49 €
-
- 3,49 €
Description de l’éditeur
Intsika yincwadi yemibongo yolwimi lwesiXhosa. Iinjongo zombhali kukukhuthaza abafundi abaseze ngobuso elizweni, phofu ke nabo sebengoodiza dala kade bemkhwahlaza, ukuba akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Nakubeni lo mhlaba unamagada atsolo akuthethwa ukuba ahlaba wonke ubani. Nokuba sekusithiwa akuhlabile loo magada, le ncwadana ibonisa nangeendlela onokuthi uthubeleze ngaphaya kwaloo mixawuka naloo maqhina. Nokuba imimoya ingavuthuza, ukuba ubambelele kwintsika yakho ungahexi, kunganzima ukuba ungakhukuliseka.